Endometriosis
IEndometriosis sisifo apho inwebu efana ne endometrium- inwebu yesibeleko- ikhula kwezinye iindawo ngaphandle kwesibeleko emzimbeni. Le nwebu ikhula kakhulu kwiindawo ezisondelene nesibeleko, ezifana neezigcini maqanda zesibeleko, iimibhobho apho amaqanda esibeleko ahamba khona, okanye ilinning yethambo lesinqa. Iyakwazi ukuvela nasemathunjeni, kwisinyi, kwaye ngamanye amaxesha kwimiphunga okanye kulusu. Kwilizwe jikilele, iendometriosis ichaphazela abantu ekunoba ngu 10% wabantu ababhinqileyo abasenako ukuzala, oku kumele inani elisondeleyo kwisigidi se200 sababhinqileyo.Iimpawu zivame ukuqala xa ufikisa okanye xa usekwii 20s kwaye zibangcono xa umntu obhinqileyo eyeka ukuya exesheni, kuba amanqanaba e estrogen esehla.
Iimpawu zahluka kakhulu phakathi kwabantu. Abanye ababinazo iimpawu, ngelixa kwabanye isisifo esibaphazamisayo. Iimpawu eziqhelekileyo ziquka iintlungu zesinqe, ukuya exesheni ngamandla nokubuhlungu, iintlungu xa usiya ngasese, ukuchama okubuhlungu, isondo esibuhlungu, ukudinwa, kunye nokungazali. Ngaphandle kweempawu zomzimba, i-endometriosis inokuchaphazela isimo sempilo yengqondo yomntu kunye nobudlwane bakhe nabanye abantu ebomini bakhe. Akwaziwa ukuba yintoni ebangela esisifo. Izizathu ezinokubakho ziquka ukubuyela umva kwegazi xa usiya exesheni, ufuzo, iihormones, kunye neengxaki zamajoni omzimba .
Uxilongo olucingelwayo lunokwenziwa ngokusekelwe ziimpawu kunye nemifanekiso yezonyango ; i-laparoscopy (utyando lwe-keyhole) ngokususwa kwenwebu encinci emzimbeni iyekuxilongwa, inokuphuma nempendulo ethe nkqo. Ezinye izizathu zeempawu ezifanayo ziquka i-adenomyosis, i-uterine fibroids (zombini ezimeko zichaphazela isibeleko), i-irritable bowel syndrome, kunye nesifo sokuqaqanjelwa sisinyi . Ngokomyinge, kuthatha iminyaka emi-5-12 ukususela ekuqaleni kweempawu ukufumana uxilongo. Abantu ababhinqileyo abaninzi baxela ukuba baxelelwe ngokungachanekanga ukuba iimpawu zabo azinamsebenzi okanye ziqhelekile.
Nangona kungekho chiza lwe-endometriosis, unyango oluninzi lunako ukuziphucula iimpawu. Olu luquka unyango lweehormones, amayeza eentlungu, kunye notyando. Unyango lokuqala ludla ngokuquka unyango lweehormones—njenge -hormonal IUD (i-coil) okanye ukusetyenziswa rhoqo kwepilisi yokucwangcisa —edityaniswe neyeza elichasene nokudumba elingeyo-steroidal njenge -naproxen . Olunye unyango lweehormones lunokuvavanywa ukuba alusebenzi olu. Uninzi lwabantu luyazuza kunyango lwamayeza, nangona le ndlela inokulahlekelwa kukusebenza ngokuhamba kwexesha. Izilonda (amhlwili e-endometriosis) zinokususwa ngotyando kubafazi abaneempawu ezingenziwa ngcono zezinye iindlela zonyango, okanye xa i-endometriosis inxulunyaniswa nokungabi nabantwana. Nangona kunjalo, i-endometriosis iyabuya emva kotyando kwinani elincinci labantu.